Mayibuye [Voice Africa]

Kudala sinyamezele
Thina ba-ntu abantsundu
BaseMza-Ntsini Afrika
Imithe-tho yabelungu

Vukani mawethu
Lifikil'ixesha
Lenkululeko yethu
Nelizwe ngelethu

Khumbulan'uMshosha noDingane
UMzilikazi noNgqika
Balilwela lelizwe
Vukani ma-Afrika

Khumbulani amazwi kaShaka
Esitsho ngalamini ebhubha
Esithi sukumthemb'umlungu
Kub'uzobus'izwe lakooBawo

Manyanani mawethu ndiyanicenga
Ndithi masilwele lelizwe lelethu
Kudala siphethwe ngamabhulu
Sihlupheka phantsi kwamabhulu

Lifikil'ixesha ngoku lenkululeko
IAfrika yonke imi ngenyawo
Ilwel'inkululeko yethu
MZulu, MShangaani, Mxhosa, MSotho, MVenda dibanani
Manyanani ngoku alisekho ixesha lokulila
Mayibuye ngok'iAfrika

Thathan'i-ndlela zooBawo
Silwel'i-zwe lakowethu
Elatha-thwa ngabamhlophe
Sesifun-inkululeko

Vukani mawethu
Lifikil'ixesha
Lenkululeko yethu
Lumkani mawethu

Vuka Mandela noSisulu
Sobukwe nawe Luthuli
Tambo, Munakwe noResha

Khumbulani amazwi kaNgqika
Mhla wayethetha nabelungu
Esithi sukumthemb'umlungu

Wissenswertes über das Lied Mayibuye [Voice Africa] von Miriam Makeba

Wann wurde das Lied “Mayibuye [Voice Africa]” von Miriam Makeba veröffentlicht?
Das Lied Mayibuye [Voice Africa] wurde im Jahr 1964, auf dem Album “The Voice of Africa” veröffentlicht.

Beliebteste Lieder von Miriam Makeba

Andere Künstler von World music