Ezweni
Kudala ndilapha ezweni (lapha ezweni)
Inyawo zam zide zigcwel' intsente he hayi
Kudala ndibon' izinto (bon' izinto)
Sekulithuba ndiphantsi kwelanga
Kudala ndilapha ezweni (lapha ezweni)
Inyawo zam zide zigcwel' intsente heyi
Kudala ndibon' izinto (bon' izinto)
Amehlo am alubonile usizi
Nqanda mhlekazi
Ubhudise amacebo ho
Ubhidanise ukuthetha kwabo
Ngicela ubenze bangavani
Kuba ndibon' ubunyamelo
Kunye nesi dubedube
Mini nobusuku bajikelezana ne ndonga a
Seziya phuphumala bububhotsha nobutshitshelo
Nakuyindawo zemputsho bahleli ngencingezelo
Nobukrelenqa buhlel' ezingqondweni zabo
Ayi andinanto yokwenza mna nama menemene
Kudala ndilapha ezweni (lapha ezweni)
Inyawo zam zide zigcwel' intsente he hayi
Kudala ndibin' izinto (bon' izinto)
Sekulithuba ndiphantsi kwelanga
Kudala ndilapha ezweni (lapha ezweni)
Inyawo zam zide zigcwel' intsente heyi
Kudala ndibon' izinto (bon' izinto)
Amehlo am alubonile usizi
Zahlekisa ngam zonke intshaba zam
Sezisithi kum uyakufa nini nha
Kakade ungabi sakhunjulwa
Noba beseku ndivelele ndiyamazi
Nama ngongantweni
Belapha nje bazoqokelela indaba zam
Bazohamba beyisasaza
Inhlebengwane
Uzova besithi akasok' abesavuka
Asilutho sekabuthwa njenge nkunkuma
Nditsho neqabane lam eli li lijikele
Kudala ndilapha ezweni (lapha ezweni)
Inyawo zam zide zigcwel' intsente he hayi
Kudala ndibon' izinto (bon' izinto)
Sekulithuba ndiphantsi kwelanga
Kudala ndilapha ezweni (lapha ezweni)
Inyawo zam zide zigcwel' intsente heyi
Kudala ndibon' izinto (bon' izinto)
Amehlo am alubonile usizi
Ayi andizange (ayi andizange)
Ayi andizange ndibon' into enjena
Ayi andizange (ayi andizange)
Ayi andizange ndibon' into enjena
Ngoba kudala ndilapha ezweni (lapha ezweni)
Inyawo zam zide zigcwel' intsente heyi
Kudala ndibon' izinto (bon' izinto)
Amehlo am alubonile usizi
Kudala ndilapha ezweni
Inyawo zam zide zigcwel' intsente he
Kudala ndibon' izinto
Amehlo am alubonile usizi